Ukufumana umntwana kuyakuba sesinye sezehlo ezonwabisayo kodwa ezixinzelelayo ebomini. Kwelinye icala, ulangazelela ukwamkela usana lwakho obukade ululindele emva kweenyanga ezilithoba. Kanti ke kwel-inye icala, uzakube ucinga ngendlela onokuqinisekisa ngayo ukuba iin-guqu ezenzeka emntwaneni wakho ukusuka esibelekweni ukuza ehla-bathini azoyikisi kakhulu.
Ngokwazi izinto onokuzikhetha nangokuya kubaboneleli bakho beenkonzo zezempilo, ungenza isigqibo esikulungeleyo wena nosana lwakho. Impilo yakho kunye nempilo-ntle yakho jikelele, kwakunye ney-osana oluthweleyo, ziyakuba zezona zinto zijongwayo kuludwe lwezinto onokuzikhetha. Qinisekisa ukuba uyayiqonda into ezakwenzeka nokuba yintoni na eluncedo kunye nengeloncedo ngezi zinto uzikhethileyo.
Ukubeleka okuqhelekileyo kuqala ngokuzenzekelayo ukusukela kwiveki yama-37 ukuya kweyama-42 yokuthwala.
Izinto eziluncedo:
Wena nosana lwakho niyakubekwa elisweni ngalo lonke eli xesha lokubeleka kwaye abasebenzi bezempilo abaqeqeshiweyo bayakufumana xa unokuthi uhlangabezane namagingxigingxi.
Ukuhlola okugqithisileyo kungakhokelela kunyango olungeyomfuneko.
Ukubelekela ekhaya
Ukubelekela ekhaya yinto onokuyikhetha ekhuselekileyo, ukuba ukuthwala kwakho kuhlala kuyilento ilindelekileyo, umbelekisi wakho usebenzisa izixhobo zale mihla nezithwalekayo kwaye uyakwazi ukufikelela ekhayeni lakho kwangexesha.
Izinto eziluncedo:
Ukuba uhlangabezana neenzima, uncedo olufumanayo luxhomekeke kumava omongikazi okanye ombelekisi nobulula bokuthumeleka esibhedlele ukuba oku kuba yimfuneko.
Ukubelekela emanzini ekhaya okanye esibhedlele
Oku kukubeleka okuqhelekileyo okwenzelwa emanzini kwaye kungasetyenziswa njengendlela yokupholisa iintlungu ngexesha lokubeleka.
Izinto eziluncedo:
Ungashukuma ngokukhululekileyo emanzini
Kungakho ingozi yokungenwa ziintsholongwane kuwe nakusana.
Usana lubelekwa ngenxeba elenziwa kumazantsi esisu nas-esibelekweni. Lunganceda ubomi bosana nobonina, kodwa iimpembelelo zotyando olukhulu nezeyeza lokulalisa zinga-bangela unina ahlangabezane neenzima.
Utyando oluKhethiweyo lucwangciswa ngeli xa uthwele ngenxa yeenzima zengulo okanye zokubeleka, xa ukubeleka kubonakala kungakhuselekanga elusaneni okanye kunina.
Utyando ngeXesha loNxunguphalo lwenziwa xa kubakho iinzima ngeli xesha ubeleka. Ngamanye amaxesha isidingo sotyando asibonakali de uqalise ukubeleka kwaye abanye oomama abebejonge ukubeleka ngokwesiqhelo kuye kume-le babeleke ngotyando.
Oku kungangenxa yezi zinto zilandelayo:
Ukubeleka kwakho kuqhuba kakubi. Oku kungenzeka ukuba:
Ukutyhala kwezihlunu kubuthathaka,
Usana lukhulu kakhulu, okanye
Isizalo sincinci kakhulu.
Imeko kunye nendlela usana oluhleli ngayo
Ukubetha kwentliziyo yosana, okuyakuhlolwa kumatshini wokukhangela ngeli xesha ubeleka, kungabonisa ukuba usana luyasokola ngeli xa ubeleka.
Ukuba usana lwakho lungahlala esibelekweni ngendlela eyenza intloko ibe ngentla zize iinyawo zibe ngezantsi (uku-xwesa) kwiintsuku zokugqibela zokuthwala, ukubeleka ngo-tyando yeyona ndlela inokukhethwa inengozi encinci.
Ukuthwala abantwana abaninzi (umz. amawele)
Ngamanye amaxesha, ukubeleka ngotyando kuyimfuneko.
Utyando yeyona ndlela yokubeleka ikhethwayo koomama abaneNtsholongwane kaGawulayo. Oku kuthoba amathuba okosulelwa kosana ngunina ngeNtsholongwane kaGawulayo.
Utyando lwangaphambili
Kumaxesha amaninzi, indlela yokubeleka ekhethwayo emva kokubeleka ngotyando ngaphambili kukuphinda ubeleke ngotyando.
Iinzima ezinokubakho kolu tyando
Olu luhlaselo lwesibeleko yintsholongwane olunokuthi lwenzeke kwiintsuku ezine ukuya kwezisixhenxe emva kotyando.
Ukopha
Kuqhelwe ukunyangwa ngeyeza elibangela isibeleko simana sibambana sikhululeke ukuze siphelise ukopha.
Ukuthiwa igazi, utyando, kuze phantsi kwezinye iimeko ezinqabileyo ukukhutshwa kwesibeleko kube yimfuneko.
Kungakho ukonzakala kwesinyi okanye kwamathumbu.
Kufuneka ubhalise kwiNkqubo yezoBeleko ukuze ufikelele kwizibonelelo njengelungu lelinye lala macandelo ezibonelelo ze-GEMS alandelayo.
I-100% yomlinganiselo weNgxowa-mali;
Iquka isibonelelo sobeleko kunxibelelwano lwezibhedlele zabucala ezichongiweyo.
I-100% yomlinganiselo weNgxowa-mali;
Ukulaliswa esibhedlele kusikelwe kuma-R26 680 ngosapho;
Ukubeleka ngotyando ozikhethelayo kuxhomekeke kwimbono yabaphathi miba kunye noluvo logqirha wesibini, kuze
I-100% yomlinganiselo weNgxowa-mali;
